56. inzala kaNeziya noHatifa
57. Kwinzala yezicaka zikaSolomon ezibuyileyo ekuthinjweni:inzala kaSotayi noSoferete noPerida,
58. inzala kaJala noDakon noGidele,
59. inzala kaShefatiya noHatili noPokerete-zebhayim noAmon
60. Iyonke ke inzala yezicaka zendlu kaThixo nezicaka zikaSolomon engamadoda abuyileyo ekuthinjweni 392
61. Nanga amadoda abuyileyo ekuthinjweni evela eTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdoni, naseImere, angabanga nako ukuzilanda izindlu zooyise nomlibo wokuzalwa kwawo, khon' ukuze kuqondakale ukuba azelwe ngamaSirayeli na:
62. inzala kaDelaya noTobhiya noNekoda 642