Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 7:50-64 Ibhayibhile (XHO96)

50. inzala kaRaya noRezin noNekoda,

51. inzala kaGazam noUza noPaseya,

52. inzala kaBhesayi noMewunim noNefusim,

53. inzala kaBhakebhuki noHakufa noHarure,

54. inzala kaBhezeliti noMehida noHasha,

55. inzala kaBhakose noSisera noTema,

56. inzala kaNeziya noHatifa

57. Kwinzala yezicaka zikaSolomon ezibuyileyo ekuthinjweni:inzala kaSotayi noSoferete noPerida,

58. inzala kaJala noDakon noGidele,

59. inzala kaShefatiya noHatili noPokerete-zebhayim noAmon

60. Iyonke ke inzala yezicaka zendlu kaThixo nezicaka zikaSolomon engamadoda abuyileyo ekuthinjweni 392

61. Nanga amadoda abuyileyo ekuthinjweni evela eTele-mela, eTele-hasha, eKerubhi, eAdoni, naseImere, angabanga nako ukuzilanda izindlu zooyise nomlibo wokuzalwa kwawo, khon' ukuze kuqondakale ukuba azelwe ngamaSirayeli na:

62. inzala kaDelaya noTobhiya noNekoda 642

63. Kubabingeleli: inzala kaHabhaya noHakozi noBhazilayi (ondlu yakhe ibisekwe yindoda eyathatha intombi kaBhazilayi umGiliyadi, yaza yabizwa ngegama likaBhazilayi)

64. Aba bafunisisa ezincwadini zemilibo yokuzalwa, koko awulandekanga umlibo wokuzalwa kwabo. Ngenxa yoko abathatyathwanga njengabahlambulukileyo, baza abavunyelwa ukwenza umsebenzi wobubingeleli.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 7