Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 7:43-51 Ibhayibhile (XHO96)

43. Nalu uludwe lwabaLevi ababuyileyo ekuthinjweni: inzala kaYeshuwa noKademiyeli bendlu kaHodeva 74

44. iimvumi zenzala ka-Asafu 148

45. abagcini-masango benzala kaShalum, noAtere, noTalmon, noAkubhi, noHatita, kwanoShobhayi 38

46. Inzala yezicaka zendlu kaThixo ezibuyileyo ekuthinjweni:inzala kaZiya noHasufa noTabhayoti,

47. inzala kaKerosi noSiya noPadon,

48. inzala kaLebhana noHagabha noShalmayi,

49. inzala kaHanan noGidele noGahare,

50. inzala kaRaya noRezin noNekoda,

51. inzala kaGazam noUza noPaseya,

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 7