Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 7:4-18 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ke kaloku isixeko esi sasisikhulu sithe gabalala, kodwa bembalwa abantu ngaphakathi, nezindlu ke zingekakhiwa.

5. Ngoku ke uThixo wam wathetha nam, ndaza ke ndaziqokelela izikhulu, amaphakathi noluntu luphela, ndamisela ukuba bonke babhalwe ngokwemizi yabo. Ndalufumana uludwe lwemilibo yokuzalwa kwâbo babebuye kuqala. Ke lona lwalumi ngolu hlobo:

6. Naba ke abantu beli phondo ababuyileyo ekuthinjweni ababethinjwe ngukumkani uNabhukadenezare waseBhabheli. Babuyela eJerusalem nakwaJuda, yangulowo nalowo waphindela kwidolophu yakowabo,

7. ndawonye noZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uAzariya, uRamiya, uNamani, uModekayi, uBhileshan, uMisperete, uBhigwayi, uNehum noBhana.Nalu ke uludwe lwamanani amadoda akwaSirayeli awabuyayo ekuthinjweni:

8. inzala kaParoshe 2 172

9. inzala kaShefatiya 372

10. inzala ka-Ara 652

11. inzala kaPahati-mowabhi ngomlibo kaYeshuwa noJowabhi 2 818

12. inzala kaElam 1 254

13. inzala kaZatu 845

14. inzala kaZakayi 760

15. inzala kaBhinuwi 648

16. inzala kaBhebhayi 628

17. inzala ka-Azegadi 2 322

18. inzala ka-Adonikam 667

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 7