4. Ke kaloku isixeko esi sasisikhulu sithe gabalala, kodwa bembalwa abantu ngaphakathi, nezindlu ke zingekakhiwa.
5. Ngoku ke uThixo wam wathetha nam, ndaza ke ndaziqokelela izikhulu, amaphakathi noluntu luphela, ndamisela ukuba bonke babhalwe ngokwemizi yabo. Ndalufumana uludwe lwemilibo yokuzalwa kwâbo babebuye kuqala. Ke lona lwalumi ngolu hlobo:
6. Naba ke abantu beli phondo ababuyileyo ekuthinjweni ababethinjwe ngukumkani uNabhukadenezare waseBhabheli. Babuyela eJerusalem nakwaJuda, yangulowo nalowo waphindela kwidolophu yakowabo,
7. ndawonye noZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uAzariya, uRamiya, uNamani, uModekayi, uBhileshan, uMisperete, uBhigwayi, uNehum noBhana.Nalu ke uludwe lwamanani amadoda akwaSirayeli awabuyayo ekuthinjweni:
8. inzala kaParoshe 2 172
9. inzala kaShefatiya 372
10. inzala ka-Ara 652
11. inzala kaPahati-mowabhi ngomlibo kaYeshuwa noJowabhi 2 818
12. inzala kaElam 1 254
13. inzala kaZatu 845
14. inzala kaZakayi 760
15. inzala kaBhinuwi 648
16. inzala kaBhebhayi 628
17. inzala ka-Azegadi 2 322
18. inzala ka-Adonikam 667