Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 7:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva kokugqitywa kodonga ndafakela iingcango ezindaweni zazo, kwaza kwamiselwa abalindi-masango, iimvumi, nabaLevi.

2. Ndamisela umntakwethu uHanani ukuba avelele iJerusalem, ekunye noHananiya ingqwayi-ngqwayi yenqaba, kuba wayengumfo onentembeko, uThixo emhlonela ngaphezu koninzi lwabantu.

3. Kubo ke ndathi: “Makangavulwa amasango aseJerusalem ide ibe seyiqinile imini. Ngethuba besekhona abalindi-masango mabawavale mba amasango ngemivalo. Kananjalo miselani abemi baseJerusalem babe ngabalindi; abanye kwiindawo ezithile, abanye ke kufuphi nezindlu zabo.”

4. Ke kaloku isixeko esi sasisikhulu sithe gabalala, kodwa bembalwa abantu ngaphakathi, nezindlu ke zingekakhiwa.

5. Ngoku ke uThixo wam wathetha nam, ndaza ke ndaziqokelela izikhulu, amaphakathi noluntu luphela, ndamisela ukuba bonke babhalwe ngokwemizi yabo. Ndalufumana uludwe lwemilibo yokuzalwa kwâbo babebuye kuqala. Ke lona lwalumi ngolu hlobo:

6. Naba ke abantu beli phondo ababuyileyo ekuthinjweni ababethinjwe ngukumkani uNabhukadenezare waseBhabheli. Babuyela eJerusalem nakwaJuda, yangulowo nalowo waphindela kwidolophu yakowabo,

7. ndawonye noZerubhabheli, uYeshuwa, uNehemiya, uAzariya, uRamiya, uNamani, uModekayi, uBhileshan, uMisperete, uBhigwayi, uNehum noBhana.Nalu ke uludwe lwamanani amadoda akwaSirayeli awabuyayo ekuthinjweni:

8. inzala kaParoshe 2 172

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 7