Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 6:5-9 Ibhayibhile (XHO96)

5. Kwisihlandlo sesihlanu ke uSanebhalati wathumela ihlakani lakhe eliphethe kwalo myalezo mnye uyileta engavalwanga

6. ebhalwe ngolu hlobo:“Kukho ingxelo eyaziwayo phakathi kwezizwe – yaye ke uGeshem uthi iyinyaniso. Kuthiwa wena ndawonye namaJuda niceba uvukelo; kungeso sizathu nivusa olu donga nje. Ngaphezu koko ke ngokwale ngxelo wena uzimisele ukuba ngukumkani wawo,

7. kangangokuba sowude wamisela abashumayeli ukuze benze isihlokomiso ngawe apha eJerusalem, bathi: ‘Ukho ukumkani welakwaJuda!’ Le ngxelo ke iza kufikelela kukumkani; ngoko ke wena yiza ukuze sithetha-thethane.”

8. Ndamthumelela le mpendulo ke, ndathi: “Ayikho into enjengale uyithethayo; kuphela wena uyikha entloko le nto uyithethayo.”

9. Ewe, babezama ukusoyikisa besithi: “Baza kutyhafa ukuze umsebenzi bawuyeke ungagqitywanga.”Kambe ke ndathandaza ndathi: “Thixo wethu, zomeleze izandla zam!”

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 6