Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 6:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku kwavakala kuSanebhalati, uTobhiya, noGeshem umArabhu, nezinye ke iintshaba zethu, ukuba ndibuye ndalwakha udonga, akwasala nasinye isikhewu, nangona ukuza kuthi gaa kwelo thuba ndandingekazifaki iingcango zamasango.

2. Ke uSanebhalati noGeshem bandithumelela umyalezo othi: “Khawufike sidibane kwenye yeedolophana kumathafa aseOno.”Kambe ke babesenza iyelenqe lokundenzakalisa.

3. Ngoko ke ndabathumelela izigidimi ndisithi: “Ndenza umsebenzi omkhulu apha, ngoko ke andinako ukuwuyeka ndize kuni. Ngani ukuba ume umsebenzi ndilibele kukuza kuni?”

4. Lo myalelo bawuthumela kane kum, mna ke ezo zihlandlo zozine ndawuphendula kwangaloo mpendulo inye.

5. Kwisihlandlo sesihlanu ke uSanebhalati wathumela ihlakani lakhe eliphethe kwalo myalezo mnye uyileta engavalwanga

6. ebhalwe ngolu hlobo:“Kukho ingxelo eyaziwayo phakathi kwezizwe – yaye ke uGeshem uthi iyinyaniso. Kuthiwa wena ndawonye namaJuda niceba uvukelo; kungeso sizathu nivusa olu donga nje. Ngaphezu koko ke ngokwale ngxelo wena uzimisele ukuba ngukumkani wawo,

7. kangangokuba sowude wamisela abashumayeli ukuze benze isihlokomiso ngawe apha eJerusalem, bathi: ‘Ukho ukumkani welakwaJuda!’ Le ngxelo ke iza kufikelela kukumkani; ngoko ke wena yiza ukuze sithetha-thethane.”

8. Ndamthumelela le mpendulo ke, ndathi: “Ayikho into enjengale uyithethayo; kuphela wena uyikha entloko le nto uyithethayo.”

9. Ewe, babezama ukusoyikisa besithi: “Baza kutyhafa ukuze umsebenzi bawuyeke ungagqitywanga.”Kambe ke ndathandaza ndathi: “Thixo wethu, zomeleze izandla zam!”

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 6