Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 4:4-9 Ibhayibhile (XHO96)

4. Khawuve usivelele, Thixo wethu, kuba sideliwe. Izishwabulo zabo zibuyisele kwaphezu kwabo. Banikezele babe ngamaxhoba kwilizwe lokuthinjwa.

5. Ungalingcwabi ityala labo, nezono zabo ungazisusi emehlweni akho. Kaloku bona babagibisele ngezithuko abakhi.

6. Ngoko ke saqhuba salwakha udonga lwada lwasisiqingatha ukuphakama. Kaloku abantu babesebenza ngokuzinikela.

7. USanebhalati, uTobhiya, ama-Arabhu, ama-Amon, namadoda aseAshdode, bathi bakuva ukuba umsebenzi wokuvusa iindonga zeJerusalem uqhubele phambili, zaye nezikhewu zivaliwe, basuka bakhathazeka gqitha.

8. Badibana bonke, benza iyelenqe lokuza kulwa neJerusalem, badale isiphithi-phithi.

9. Kambe ke sakhunga kuThixo wethu, samisa abalindi ukujongana nabo imini nobusuku.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 4