Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 4:15-21 Ibhayibhile (XHO96)

15. Iintshaba zethu zeva ukuba siyaliqonda iyelenqe lazo nokudodotyaliswa kwalo nguThixo; saza ke thina sonke yangulowo nalowo wabuyela emsebenzini wakhe eludongeni.

16. Ukusuka loo mini ke isiqingatha samadoda am saba semsebenzini, sabe ke esinye sixhobe sif' amacala ngoomikhonto, oomakhaka, oozintolo, nezikhuselo. Amagosa ke ema emva kwabo bonke abantu bakwaJuda

17. ababesakha udonga. Abathwala iimpahla zokwakha, babesebenza ngesandla esinye, esinye siphethe izixhobo;

18. umakhi ngamnye wayenxule ikrele lakhe ecaleni ngoku asebenzayo. Ke indoda evuthela isigodlo yayisoloko ikunye nam.

19. Ke kaloku ndathetha nezikhulu, namagosa, nabantu ngokubanzi, ndathi: “Lo msebenzi wethu ubanzi, uthe xakalala, saye ke thina sahluka-hlukene ekusebenzeni eludongeni apha.

20. Ngoko ke, nanini na nisiva isandi sesigodlo, khawulezani nize kuthi kuloo ndawo. UThixo wethu uza kusilwela.”

21. Ngoko ke saqhuba sisebenza ngesiqingatha samadoda aphethe imikhonto ukusukela xa kuthi qheke ukusa kude kube lungcwalazi.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 4