Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 4:12-18 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ke amaJuda awayemelene nazo ezi ntshaba eza kaninzi-ninzi kuthi esixelela esithi: “Noba ningathini na ziza kusihlasela.”

13. Ngoko ke ndamisa abantu emva kwezona ndawo zimfutshane apho eludongeni, iindawo ezisesichengeni, ndabamisa ngokwemizi, bexhobe ngamakrele, imikhonto, neentolo.

14. Emva kokuba ndikhe ndaqwalasela ndajonga, ndasuka ndathetha nezikhulu, namagosa, nabanye abantu, ndathi: “Musani ukuboyika; khumbulani iNkosi, ingangalala eyoyikekayo, nibalwele abantakwenu, oonyana neentombi, abafazi namakhaya enu.”

15. Iintshaba zethu zeva ukuba siyaliqonda iyelenqe lazo nokudodotyaliswa kwalo nguThixo; saza ke thina sonke yangulowo nalowo wabuyela emsebenzini wakhe eludongeni.

16. Ukusuka loo mini ke isiqingatha samadoda am saba semsebenzini, sabe ke esinye sixhobe sif' amacala ngoomikhonto, oomakhaka, oozintolo, nezikhuselo. Amagosa ke ema emva kwabo bonke abantu bakwaJuda

17. ababesakha udonga. Abathwala iimpahla zokwakha, babesebenza ngesandla esinye, esinye siphethe izixhobo;

18. umakhi ngamnye wayenxule ikrele lakhe ecaleni ngoku asebenzayo. Ke indoda evuthela isigodlo yayisoloko ikunye nam.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 4