Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 4:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akuva ukuba siyalwakha udonga uSanebhalati wachukumiseka wakhathazeka gqitha. Waphoxisa ngawo amaJuda,

2. ethetha bekho noogxa bakhe nomkhosi waseSamariya. Wayesithi: “Zenza ntoni ezi ngcekengceke zamaJuda? Athi angaluvusa na olu donga lwawo? Ngaba aza kwenza amadini, asuke agqibe ukwakha udonga ngemini enye? Ngaba oba nako ukuwenza asebenziseke la matye akwezaa ngqumba zenkunkuma, lawa atshileyo?”

3. Ke uTobhiya umAmon owayesecaleni kwakhe wathi: “Iyintoni yona khona le bayakhayo? Kolu donga lwabo lwamatye kungathi kuqabele impungutye lusuke luwe!”

4. Khawuve usivelele, Thixo wethu, kuba sideliwe. Izishwabulo zabo zibuyisele kwaphezu kwabo. Banikezele babe ngamaxhoba kwilizwe lokuthinjwa.

5. Ungalingcwabi ityala labo, nezono zabo ungazisusi emehlweni akho. Kaloku bona babagibisele ngezithuko abakhi.

6. Ngoko ke saqhuba salwakha udonga lwada lwasisiqingatha ukuphakama. Kaloku abantu babesebenza ngokuzinikela.

7. USanebhalati, uTobhiya, ama-Arabhu, ama-Amon, namadoda aseAshdode, bathi bakuva ukuba umsebenzi wokuvusa iindonga zeJerusalem uqhubele phambili, zaye nezikhewu zivaliwe, basuka bakhathazeka gqitha.

8. Badibana bonke, benza iyelenqe lokuza kulwa neJerusalem, badale isiphithi-phithi.

9. Kambe ke sakhunga kuThixo wethu, samisa abalindi ukujongana nabo imini nobusuku.

10. Ke bona abantu bakwaJuda bathi: “Abasebenzi bayaphelelwa ngamandla ngoku, ibe yona inkunkuma ininzi kangangokuba singabi nako ukuqhubela phambili silwakhe udonga.”

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 4