Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 3:12-20 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ke yena uShalum unyana kaHaloheshe umlawuli wesiqingatha seJerusalem wayelungisa umgama olandelayo ekunye neentombi zakhe.

13. ISango leNtili lalilungiswa nguHanum kunye nabemi baseZanowa. Balakha balifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. Kananjalo balungisa umgama oziimitha ezimakhulu mane anamashumi amahlanu kudonga olo, bema ngeSango lobuLongwe.

14. ISango lobuLongwe lalungiswa nguMalkiya unyana kaRekabhi, umphathi wesithili saseBhete-kerem. Walifaka iingcango neziqhobosho nemivalo.

15. UShalum unyana kaKolihoze, umlawuli weMizpa, walungisa iSango loMthombo. Walifulela, walifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. Walungisa nodonga lweQula laseShela ngakuMyezo kaKumkani, wee xhaxhe ngezinyuko zendlela ehla iphuma kwisiXeko sikaDavide.

16. Ngaphaya kwakhe yayinguNehemiya unyana ka-Azebhuki, umlawuli wesiqingatha seBhete-zure. Walungisa wada wajongana namangcwaba akwaDavide, wee xhaxhe ngequla elakhiweyo nendlu yabalindi.

17. Ngakuye ke kwakusebenza abaLevi abaphantsi koRehum unyana kaBhani, kwalandela uHashabhiya umlawuli wesiqingatha seKehila, emele isithili sakhe.

18. Kufuphi naye kwakusebenza amawabo aphantsi koBhawayi unyana kaHenadadi umlawuli wesinye isiqingatha seKehila.

19. Kwakulandela uEzere unyana kaYeshuwa umlawuli weMizpa, elungisa enye indawo ukusukela ekunyukeni kwidolo eliya kwiNqaba yeziXhobo.

20. Wayelandelwa nguBharuki unyana kaZabhayi esebenza ngenyameko kwenye indawo ukusuka edolweni ukuya esangweni lendlu yombingeleli omkhulu uEliyashibhi.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 3