Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 3:12-17 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ke yena uShalum unyana kaHaloheshe umlawuli wesiqingatha seJerusalem wayelungisa umgama olandelayo ekunye neentombi zakhe.

13. ISango leNtili lalilungiswa nguHanum kunye nabemi baseZanowa. Balakha balifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. Kananjalo balungisa umgama oziimitha ezimakhulu mane anamashumi amahlanu kudonga olo, bema ngeSango lobuLongwe.

14. ISango lobuLongwe lalungiswa nguMalkiya unyana kaRekabhi, umphathi wesithili saseBhete-kerem. Walifaka iingcango neziqhobosho nemivalo.

15. UShalum unyana kaKolihoze, umlawuli weMizpa, walungisa iSango loMthombo. Walifulela, walifaka iingcango neziqhobosho nemivalo. Walungisa nodonga lweQula laseShela ngakuMyezo kaKumkani, wee xhaxhe ngezinyuko zendlela ehla iphuma kwisiXeko sikaDavide.

16. Ngaphaya kwakhe yayinguNehemiya unyana ka-Azebhuki, umlawuli wesiqingatha seBhete-zure. Walungisa wada wajongana namangcwaba akwaDavide, wee xhaxhe ngequla elakhiweyo nendlu yabalindi.

17. Ngakuye ke kwakusebenza abaLevi abaphantsi koRehum unyana kaBhani, kwalandela uHashabhiya umlawuli wesiqingatha seKehila, emele isithili sakhe.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 3