Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 3:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke umbingeleli omkhulu uEliyashibhi kunye noogxa bakhe ababingeleli bahamba baya kwakha iSango leeGusha. Balinikezela, bawabuyisela namasango, bakha baya kuthi xhaxhe ngeNqaba yeKhulu abayinikezelayo, baqhuba bema ngeNqaba kaHananeli.

2. Amadoda aseJeriko ayesakha kufuphi nabo, ngakuwo kusakha uZakure unyana kaImri.

3. ISango leeNtlanzi lona lakhiwa ngoonyana bakaHasena. Bayigxumeka imiqadi, bazifaka iingcango zalo, neziqhobosho nemivalo.

4. UMeremoti, unyana kaUriya, kaHakoze, walungisa umgama olandelayo. Ke yena wayelandelwa nguMeshulam unyana kaBherekiya kaMeshezabheli, owayelandelwa nguZadoki unyana kaBhana, xa bebonke besakha.

5. Umgama olandelayo wawusakhiwa ngamadoda aseTekowa, nto nje izikhulu zawo zazingafuni kufaka gxalaba kuloo msebenzi phantsi komphathi wazo.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 3