Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 13:4-15 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ngaphambi koku ke uEliyashibhi umbingeleli yayinguye ojonge oovimba bendlu kaThixo. Wayeqhogene noTobhiya,

5. wada ke wamnika nendlu enkulu eyayinguvimba weminikelo yeenkozo, isiqhumiso kunye nezinto zendlu kaThixo. Zazilapho nezishumi zeenkozo, iwayini entsha, kunye namafutha omnquma, zinto ezo ke zazimiselwe ukuba sisabelo sabaLevi, iimvumi, nabalindi-masango, kwanemirhumo esisabelo sababingeleli.

6. Ke kaloku ngeli thuba kwenzeka ezi zinto, mna ndandingekho eJerusalem. Kaloku ngonyaka wamashumi amathathu anambini wolawulo lukakumkani uAtashasta waseBhabheli ndakhe ndabuyela komkhulu eBhabheli. Emva kwethutyana ke ndabuya ndacela,

7. ndaza ke ndabuyela eJerusalem. Ngoko ke ndaba nokubuva ububi obabenziwe nguEliyashibhi ngokunika uTobhiya indlu ephakathi enkundleni yendlu kaThixo.

8. Ndakhathazeka gqitha, ndaza ke iimpahla zendlu kaTobhiya ndazithatha ndaziphosa ngaphandle kwaloo ndlu.

9. Ndanika umyalelo wokuba ahlanjululwe loo magumbi, ndaza ke emva koko ndayibuyisela kwakuwo impahla yendlu kaThixo kunye neminikelo yeenkozo neziqhumiso.

10. Kananjalo ndafumanisa ukuba izabelo zabaLevi abasazinikwa, kuba bona kunye neemvumi ezilungiselelayo, xa bebonke babebuyele emasimini abo.

11. Ngoko ke ndawakhalimela amagosa, ndawabuza ndathi: “Ngani ukuba ingakhathalelwa kangaka indlu kaThixo?” Ndababiza ke ndabaqokelela, ndabamisa ngeendawo zabo.

12. Xa ewonke uJuda wazizisa izishumi zeenkozo, iwayini entsha, namafutha omnquma, wazifaka koovimba.

13. Ndamisa umbingeleli uShelemiya, umchazi-mthetho uZadoki, nomLevi ogama linguPedaya, bajonga oovimba, bencediswa nguHanan unyana kaZakure, kaMataniya. Kaloku la madoda ayesaziwa ngokuthembeka. Yayingawo athwele uxanduva lokwabela amawawo.

14. Thixo wam, uze undikhumbule ngale nto, ungawucimi umsebenzi ongaka endiwenze ngentembeko enje ngenxa yendlu kaThixo wam neenkonzo zayo.

15. Ngaloo mihla ke kwelakwaJuda ndabona amadoda exovula iwayini *ngoMhla wokuPhumla, ethwele ukudla okuziinkozo, ekulayisha ezidonkini kunye newayini, idiliya, amakhiwane, nezinye iindidi zemithwalo. Zonke ke ezo zinto ayezizisa eJerusalem ngoMhla wokuPhumla. Ke kaloku ndawalumkisa ukuba angathengisi kutya ngaloo mhla.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 13