Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 13:22-31 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ke abaLevi ndabayalela ukuba bazihlambulule, baze baye kulinda amasango, ukuze uMhla wokuPhumla uhlale ukhethekile.Nangale nto ke uze undikhumbule, Thixo wam, undenzele inceba ngokobukhulu bezibele zakho.

23. Kananjalo ke ngaloo mihla ndafumanisa ukuba kukho amaJuda athathe iintombi zaseAshodode, ezakwa-Amon, nezaseMowabhi.

24. Isiqingatha sabantwana babo sasithetha ulwimi lwaseAshdode okanye olunye lweelwimi zeentlanga, sona isiJuda bengakwazi kusithetha.

25. Ndabakhalimela ndabaqalekisa. Amanye aloo madoda ndawabetha, ndawaxhwitha iinwele amanye. Ndathi makafunge egameni likaThixo, ndisithi: “Aniyi kuzinikela iintombi zenu zithathwe ngoonyana babo, ningayi kubayeka noonyana benu bathathe iintombi zabo, ukanti nani ngokwenu.

26. Andithi na kaloku ukumkani kaSirayeli uSolomon wôna kwangale mitshato? Kuzo zonke izizwe akukho kumkani wayefana naye. Wayethandwa nguThixo wakhe, waza wamenza ukumkani phezu koSirayeli ephela, kodwa ke abafazi abaziintlanga bamrhuqela esonweni.

27. Ke ngaba nithi nathi masihambe kweli khondo lenu, senze le nkohlakalo yokungathembeki kuThixo wethu ngokuthatha abafazi abaziintlanga?”

28. Omnye koonyana bakaJoyada unyana kaEliyashibhi umbingeleli omkhulu wayethathe intombi kaSanebhalati umHoron. Ke mna ndamgxotha uJoyada.

29. Uze ubakhumbule, Thixo wam, kuba babuxabhele ububingeleli kunye nomnqophiso wobubingeleli nowobuLevi.

30. Ngoko ke ndabahlambulula ababingeleli nabaLevi kuzo zonke izidyobho zeentlanga, ndaza ke elowo nalowo kubo ndamnika umsebenzi wakhe.

31. Ndamisela amathuba okuziswa kweenkuni ndawonye nawokuziswa kolibo.Uze undikhumbule undazelelele, Thixo wam.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 13