Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 13:13-22 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ndamisa umbingeleli uShelemiya, umchazi-mthetho uZadoki, nomLevi ogama linguPedaya, bajonga oovimba, bencediswa nguHanan unyana kaZakure, kaMataniya. Kaloku la madoda ayesaziwa ngokuthembeka. Yayingawo athwele uxanduva lokwabela amawawo.

14. Thixo wam, uze undikhumbule ngale nto, ungawucimi umsebenzi ongaka endiwenze ngentembeko enje ngenxa yendlu kaThixo wam neenkonzo zayo.

15. Ngaloo mihla ke kwelakwaJuda ndabona amadoda exovula iwayini *ngoMhla wokuPhumla, ethwele ukudla okuziinkozo, ekulayisha ezidonkini kunye newayini, idiliya, amakhiwane, nezinye iindidi zemithwalo. Zonke ke ezo zinto ayezizisa eJerusalem ngoMhla wokuPhumla. Ke kaloku ndawalumkisa ukuba angathengisi kutya ngaloo mhla.

16. Amadoda aseTire awayehlala eJerusalem ayesiza neentlanzi nazo zonke izinto ezithengiswayo ezithengisa kubantu bakwaJuda apho eJerusalem ngoMhla wokuPhumla.

17. Ndazikhalimela izikhulu zakwaJuda, ndisithi kuzo: “Yinkohlakalo yani le niyenzayo – ukuxabhela uMhla wokuPhumla?

18. Andithi nooyihlo benza kwaloo nto, ukuze nje uThixo athobe esi sithwakumbe phezu kwethu nakwesi sixeko? Ngoku ke nina uSirayeli nisamqhwayela ingqumbo engaphezulu ngokuxabhela uMhla wokuPhumla.”

19. Kwakusithi xa athi rhece amathunzi kumasango aseJerusalem ngomhla owandulela uMhla wokuPhumla, ndiyalele ukuba zivalwe iingcango, ze zingavulwa ude udlule uMhla wokuPhumla. Amanye amadoda am ndawamisa emasangweni ukuze agade kungangeniswa mthwalo ngoMhla wokuPhumla.

20. Ngamathuba athile abashishini nabathengisi beendidi zonke babebuchithela ngaphandle kweJerusalem ubusuku.

21. Ke kaloku ndabakhalimela ndathi: “Ngani ukuba ubusuku nibuchithele ngaphandle kodonga? Ndiya kuniphatha ngezandla ukuba nikhe naphinda.” Ukusukela ngelo thuba ke abaphindanga beze ngoMhla wokuPhumla.

22. Ke abaLevi ndabayalela ukuba bazihlambulule, baze baye kulinda amasango, ukuze uMhla wokuPhumla uhlale ukhethekile.Nangale nto ke uze undikhumbule, Thixo wam, undenzele inceba ngokobukhulu bezibele zakho.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 13