Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 12:42-46 Ibhayibhile (XHO96)

42. kanti ke noMaseya, uShemaya, uElazare, u-Uzi, uYohanan, uMalkiya, uElam, noEzere. Ikwayala yayintyiloza ibhexeshwa nguYezeraya.

43. Ngaloo mini ke benza amadini amaninzi bevuya, kuba uThixo ebathe jize ngovuyo olukhulu. Abafazi nabantwana nabo babechulumacha. Intsholo yemincili apho eJerusalem yayivakala nasekudeni.

44. Ngelo thuba ke kwamiselwa amadoda okujonga oovimba bemirhumo, ulibo, kunye nezishumi. Kumasimi angqonge iidolophu ayeza kuthatha isabelo sababingeleli nabaLevi, asizise koovimba ngokommiselo womthetho. Kaloku uJuda wayanelisekile lulungiselelo lwabo babingeleli nabaLevi.

45. Babemlungiselela uThixo wabo, beyenza nenkonzo yentlambululo, kwanjengeemvumi nabalindi-masango, ngokomyalelo kaDavide nonyana wakhe uSolomon.

46. Kaloku kwakudala ngemihla kaDavide noAsafu kwakukho ababhexeshi-kwayala xa kuculwa awokudumisa nokubonga uThixo.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 12