Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 12:37-47 Ibhayibhile (XHO96)

37. Xa bekwiSango loMthombo bathi ngqo ngezinyuko zesixeko sikaDavide, benyuka bekhangele eludongeni, bayidlula ngasentla indlu kaDavide, bajonga empuma kwiSango laManzi.

38. Ikwayala yesibini yona yaqhuba iyifulathele leyo yokuqala. Ndalandela ndiphezu kodonga ndinesiqingatha sabantu, sadlula iNqaba yamaZiko, saya kuDonga oluBanzi,

39. salidlula iSango lakwaEfrayim, nelikaYeshana kunye neleeNtlanzi, neNqaba kaHananeli, naleyo yeKhulu, see xhaxhe ngeSango leeGusha. Yaza ke yema kwiSango labaLindi.

40. Ke ezo kwayala zazisenza imibongo, zema ngeendawo zazo endlwini kaThixo, ngokunjalo nam ndinesiqingatha samagosa,

41. kunye nababingeleli – uEliyakim, uMaseya, uMiniyamin, uMikaya, uEliyohenayi, uZakariya, noHananiya, namaxilongo abo –

42. kanti ke noMaseya, uShemaya, uElazare, u-Uzi, uYohanan, uMalkiya, uElam, noEzere. Ikwayala yayintyiloza ibhexeshwa nguYezeraya.

43. Ngaloo mini ke benza amadini amaninzi bevuya, kuba uThixo ebathe jize ngovuyo olukhulu. Abafazi nabantwana nabo babechulumacha. Intsholo yemincili apho eJerusalem yayivakala nasekudeni.

44. Ngelo thuba ke kwamiselwa amadoda okujonga oovimba bemirhumo, ulibo, kunye nezishumi. Kumasimi angqonge iidolophu ayeza kuthatha isabelo sababingeleli nabaLevi, asizise koovimba ngokommiselo womthetho. Kaloku uJuda wayanelisekile lulungiselelo lwabo babingeleli nabaLevi.

45. Babemlungiselela uThixo wabo, beyenza nenkonzo yentlambululo, kwanjengeemvumi nabalindi-masango, ngokomyalelo kaDavide nonyana wakhe uSolomon.

46. Kaloku kwakudala ngemihla kaDavide noAsafu kwakukho ababhexeshi-kwayala xa kuculwa awokudumisa nokubonga uThixo.

47. Ngoko ke ngemihla kaZerubhabheli noNehemiya uSirayeli ephela wayikhupha imirhumo yemihla ngemihla, wanika iimvumi nabalindi-masango. Wazikhupha nezabelo zabanye abaLevi, kananjalo nabaLevi bazikhupha izabelo zenzala ka-Aron.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 12