Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 12:32-42 Ibhayibhile (XHO96)

32. UHoshaya nesiqingatha seenkokheli zakwaJuda zalandela

33. kunye noAzariya, uEzra, uMeshulam,

34. uJuda, uBhenjamin, uShemaya, uJeremiya,

35. kunye nabanye ababingeleli, bephethe amaxilongo, uZakariya unyana kaJonatan, kaShemaya, kaMataniya, kaMikaya, kaZakure, ka-Asafu,

36. namahlakani akhe, uShemaya, uAzarele, uMilalayi, uGilalayi, uMayi, uNataniyeli, uJuda, noHanani, benezikhalisi ezamiselwa nguDavide umfo wakwaThixo. Ke loo mngcelele wawukhokelwa nguEzra umchazi-mthetho.

37. Xa bekwiSango loMthombo bathi ngqo ngezinyuko zesixeko sikaDavide, benyuka bekhangele eludongeni, bayidlula ngasentla indlu kaDavide, bajonga empuma kwiSango laManzi.

38. Ikwayala yesibini yona yaqhuba iyifulathele leyo yokuqala. Ndalandela ndiphezu kodonga ndinesiqingatha sabantu, sadlula iNqaba yamaZiko, saya kuDonga oluBanzi,

39. salidlula iSango lakwaEfrayim, nelikaYeshana kunye neleeNtlanzi, neNqaba kaHananeli, naleyo yeKhulu, see xhaxhe ngeSango leeGusha. Yaza ke yema kwiSango labaLindi.

40. Ke ezo kwayala zazisenza imibongo, zema ngeendawo zazo endlwini kaThixo, ngokunjalo nam ndinesiqingatha samagosa,

41. kunye nababingeleli – uEliyakim, uMaseya, uMiniyamin, uMikaya, uEliyohenayi, uZakariya, noHananiya, namaxilongo abo –

42. kanti ke noMaseya, uShemaya, uElazare, u-Uzi, uYohanan, uMalkiya, uElam, noEzere. Ikwayala yayintyiloza ibhexeshwa nguYezeraya.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 12