Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 12:25-38 Ibhayibhile (XHO96)

25. UMataniya, uBhakebhukiya, uObhadiya, uMeshulam, uTalmon, noAkubhi, babengabalindi-masango ababegada oovimba ngasemasangweni.

26. Babelungiselela ngemihla kaYoyakim unyana kaYeshuwa, kaYozadaki, nangemihla kaNehemiya umlawuli, noEzra umbingeleli ongumchazi-mthetho.

27. Ngethuba lonikezelo lodonga lwaseJerusalem abaLevi baya kufunwa apho babehlala khona, baza baziswa eJerusalem, ukuze balubhiyozele ngemihlali unikezelo olo ngeengoma zokubulela, becula bekhalisa amacangci, iihapu, nemirhubhe.

28. Neemvumi zaqokelelwa kummandla ojikeleze iJerusalem, nakwiilali zamaNetofa,

29. naseBhete-giligali, nakummandla waseGebha, naseAzemavete. Kaloku iimvumi ezo zazizenzele iilali kummandla ojikeleze iJerusalem.

30. Akuba ezihlambulule wona ngokwawo abaLevi ahlambulula nabantu, amasango, kwanodonga.

31. Iinkokheli zakwaJuda ndazidibanisa phezu kodonga. Ndamisela neekwayala ezinkulu zambini, zatsho ngemibongo. Enye yaqabela phezu kodonga, yajonga ngasekunene ekuyeni kwiSango lobuLongwe.

32. UHoshaya nesiqingatha seenkokheli zakwaJuda zalandela

33. kunye noAzariya, uEzra, uMeshulam,

34. uJuda, uBhenjamin, uShemaya, uJeremiya,

35. kunye nabanye ababingeleli, bephethe amaxilongo, uZakariya unyana kaJonatan, kaShemaya, kaMataniya, kaMikaya, kaZakure, ka-Asafu,

36. namahlakani akhe, uShemaya, uAzarele, uMilalayi, uGilalayi, uMayi, uNataniyeli, uJuda, noHanani, benezikhalisi ezamiselwa nguDavide umfo wakwaThixo. Ke loo mngcelele wawukhokelwa nguEzra umchazi-mthetho.

37. Xa bekwiSango loMthombo bathi ngqo ngezinyuko zesixeko sikaDavide, benyuka bekhangele eludongeni, bayidlula ngasentla indlu kaDavide, bajonga empuma kwiSango laManzi.

38. Ikwayala yesibini yona yaqhuba iyifulathele leyo yokuqala. Ndalandela ndiphezu kodonga ndinesiqingatha sabantu, sadlula iNqaba yamaZiko, saya kuDonga oluBanzi,

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 12