Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 12:20-24 Ibhayibhile (XHO96)

20. kwaSalayi nguKalayi;kwa-Amoki nguHebhere;

21. kwaHilekiya nguHashabhiya;kwaYedaya nguNataniyeli.

22. Ke kaloku iinkulu zemizi yabaLevi ngemihla kaEliyashibhi, kaJoyada, kaJohanan, noYaduwa kunye nezababingeleli zabhaliswa ngexesha lolawulo lukakumkani uDariyo wasePeshiya.

23. Kanti ke iinkulu zemizi kwinzala yabaLevi ukuthi xhaxhe ngexesha likaJohanan unyana kaEliyashibhi zafakwa kwincwadi yeengcombolo zembali.

24. Iinkokheli zabaLevi yayinguHashabhiya, uSherebhiya, uYeshuwa unyana kaKademiyeli namahlakani abo, awayesima ekhangelene nabo esenza iindumiso nemibulelo, elinye iqela lithelela elinye ngokomyalelo kaDavide umfo wakwaThixo.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 12