Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 12:14-25 Ibhayibhile (XHO96)

14. kwaMaluki nguJonatan;kwaShebhaniya nguJosefu;

15. kwaHarim nguAdena;kwaMerayoti nguHelekayi;

16. kwaIdo nguZakariya;kwaGineton nguMeshulam;

17. kwa-Abhiya nguZikri;kwaMiniyamin nakwaMowadiya nguPiletayi;

18. kwaBhilega nguShamuwa;kwaShemaya nguJonatan;

19. kwaJoyaribhi nguMatenayi;kwaJedaya ngu-Uzi;

20. kwaSalayi nguKalayi;kwa-Amoki nguHebhere;

21. kwaHilekiya nguHashabhiya;kwaYedaya nguNataniyeli.

22. Ke kaloku iinkulu zemizi yabaLevi ngemihla kaEliyashibhi, kaJoyada, kaJohanan, noYaduwa kunye nezababingeleli zabhaliswa ngexesha lolawulo lukakumkani uDariyo wasePeshiya.

23. Kanti ke iinkulu zemizi kwinzala yabaLevi ukuthi xhaxhe ngexesha likaJohanan unyana kaEliyashibhi zafakwa kwincwadi yeengcombolo zembali.

24. Iinkokheli zabaLevi yayinguHashabhiya, uSherebhiya, uYeshuwa unyana kaKademiyeli namahlakani abo, awayesima ekhangelene nabo esenza iindumiso nemibulelo, elinye iqela lithelela elinye ngokomyalelo kaDavide umfo wakwaThixo.

25. UMataniya, uBhakebhukiya, uObhadiya, uMeshulam, uTalmon, noAkubhi, babengabalindi-masango ababegada oovimba ngasemasangweni.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 12