Testamente Endala

Testamente Entsha

Unehemiya 10:20-32 Ibhayibhile (XHO96)

20. uMagepiyashe noMeshulam noHezire,

21. uMeshezabheli noZadoki noYaduwa,

22. uPelatiya noHanan noAnaya,

23. uHosheya noHananiya noHashubhi,

24. uHaloheshe noPileya noShobheki,

25. uRehum noHashabhena noMaseya,

26. uAhiya noHanan noAnan,

27. uMaluki noHarim noBhana.

28. Xa bebonke ke abantu, ababingeleli, abaLevi, abalindi-masango, iimvumi, izicaka zendlu kaThixo, nabo bonke abazahluleyo kwiintlanga ezingabamelwana, loo nto beyenza ngenxa yomthetho kaThixo, bekunye nabafazi babo nabo bonke oonyana neentombi zabo, abo sebeqabuke ingqondo,

29. bonke ke aba ngoku bazibandakanya namawabo azizikhulu, bazibophelela ngeshwangusha kunye nesifungo sokuthobela umthetho kaThixo awawukhupha ngesicaka sakhe uMosis, imiyalelo, imiqathango, nemimiselo yeNkosi yethu *uNdikhoyo.

30. Babhambathisa besithi: “Soze iintombi zethu sizendisele kwiintlanga esimelene nazo; noonyana bethu soze bazithathe iintombi zeentlanga.

31. “Izizwe esimelene nazo xa zishishina zisithengisela nantoni na, noba yingqolowa, *ngoMhla wokuPhumla, asisoze sithenge nto kuzo ngoMhla wokuPhumla nangaluphi na usuku olungcwele. Njalo ngonyaka wesixhenxe asiyi kuwulima umhlaba; kananjalo siya kuwatshitshisa onke amatyala.

32. “Kunyaka ngamnye sizibophelela ngesifungo sokuthobela umyalelo wokuba sinikele ngesiliva eziigram ezintlanu ukuxhasa umsebenzi wendlu kaThixo.

funda isahluko epheleleyo Unehemiya 10