kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uncuthu Lwengoma 2 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndiyintyatyambo yaseSharon,inyibiba yasentilini.

Umyeni

2. Njengenyibiba phakathi kwamevasinjalo isithandwa sam phakathi kweentombi.

Umtshakazi

3. Njengomthi weeapile ehlathinisinjalo isithandwa sam phakathi kwabafana.Akwaba bendingahlala emthunzini wawo;azimnandi ngako iziqhamo zawo!

4. Wandingenisa endlwini yombhiyozo,wandiphakamisela intshinga yothando.

5. Ndomeleze ngesixa seerasentyisi,kananjalo undihlaziye ngeeapile.Kaloku ndiyafa luthando.

6. Isandla sakhe sasekhohlo sixhasa intloko yam,esokunene sona siyandiwola.

7. Zintombi zaseJerusalem, ndiyanifungisangamabhadikazi namanxalakazi asendle:Sanukuluxhokonxa ningaluphembeleli uthando;luyekeni lude luzivukele ngokwalo.

8. Khanive, sisithandwa sam eso!Awu, naso ke sisiza:siza siqakatha ezintabeni;siyatsiba-tsiba ezindulini phaya.

9. Isithandwa sam ngathi linxala,sona sinjengetakane lebhadi.Naso simi emva kodonga lwakowethu,silolonga efestileni,sinyondla, sikroba emkhusaneni.

10. Isithandwa sam sibhekisa kum, sisithi:“Vuka kaloku, sithandwa sam.Awu, uyinzwakazi ke khona!Yiza kaloku, masihambe.

11. Kaloku bona ubusika budlule,kananjalo neemvula zigqithile.

12. Iintyatyambo ziqhakazile elizweni;ligalelekile ixesha lokuntyiloza.Nâlo ihobe lidumzela;ewe, liyavakala kweli lakowethu.

13. Ngoku namakhiwane okuqala ayavuthwa;ukudubula kwesidiliya kutsho ngesiqholo.Phakama uze, sithandwa.Ewe, nzwakazi yam,yiza kaloku, masihambe!”

Umyeni

14. Uyintw' engathi lihotyazanalithe nca ezimfanteni zamawa;nditsho elizimela ezintabeni.Vela kaloku ndikubone,ukuze ndive nelo lizwi;nditsho elo liyole kunene.Ubuso bakho buthi ndijonge!

15. Khawusibambele ezo mpungutye;ewe, iimpungutyana ezincinci,kuba ziyazonakalisa izidiliya,kanti izidiliya zethu zityatyambile.

Umtshakazi

16. Isithandwa sam sesam,kanti nam ngokwam ndingowaso.Sona salusa phakathi kweenyibiba.