2. *UNdikhoyo nguThixo onekhwele nophindezelayo.UNdikhoyo ngumbuyekezi; yena ngumalawul' inqumbo.Ewe, uyaziphindezela kwabamchasayo;ingqumbo yakhe ihlala ihleli kwiintshaba zakhe.
3. Umsindo kaNdikhoyo uza kade,kodwa ke yena ngumandla-makhulu.Umntu owonileyo akaphuncuki kwisohlwayo sakhe.Indlela yakhe sisivungu-vungu noqhwithela;amafu luthuli lweenyawo zakhe.
4. Ulwandle ulukhalimela lome qoko,imilambo itshe ikhotheke.IBhashan neKarmele iyatshaza;iintyatyambo zaseLebhanon ziyeketheke.
5. Phambi kwakhe iintaba ziyaqhaqhamba;ke zona iinduli zitsho zinyibilike.Akuvela umhlaba uyarhwaqela,ngokunjalo nehlabathi nabemi balo.
6. Ngubani onokumelana nengqumbo yakhe,ingubani onokujongana nomsindo wakhe ovuthayo?Ingqumbo yakhe iphokoka njengomlilo;phambi kwakhe namawa ayaqhaqheka.
7. Ewe, uNdikhoyo ulungile:ungumqolomba ngamaxesha eenkathazo;ubakhathalele abo bathembele kuye.
8. Ngeempuphuma ezikhukhulisayo uyayigubungela iNiniva,aye kuzitshonisa ebumnyameni iintshaba zakhe.
9. Nimjikeleza ngantoni uNdikhoyo?Wosuka yena anitshabalalise;inkathazo soze iphindelele.
10. Noba sebebhijeleke okobobo,noba sebemanzi ngokwamanxila,bofana nomququ owomileyo,bovutha baphele kuthi nya.
11. Apho kuwe kuthe gqi umfoowenzela uNdikhoyo ubugwenxa,umfo ofutha inkohlakalo.