11. Ukuba kufika ixoki lomkhohlisi lisithi:‘Mna ndishumayela indyebo;yoba yindyikityha yewayini notywala;’yena woba ngoyena *mshumayeli ulungileyo kwaba bantu!”
12. “Ngenene ndoniqokelela nonke, nzala kaYakobi;ewe, ndowahlanganisela ndawonye amasalela kaSirayeli.Ndonidibanisela ndawonye ngathi ziigusha esibayeni.Oku komhlambi osedlelweni baya kuxokozela ngokuba baninzi kwabo abantu.
13. Uvulindlela wohamba phambi kwabo;botyhoboza baphume esangweni.Ukumkani woba yena ekhokele,*uNdikhoyo ngokwakhe abe yintloko yabo.”