Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujoweli 3:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Ke kaloku ngaloo mihla,ngalo kanye elo xesha,ekuyibuyiseleni kwam iJerusalem noJudakwimeko yayo yangaphambili,

2. ndoziqokelela zonke izizwe,ndizithobele kwintili kaYoshafati,apho ke ndozigweba khonangenxa yelifa lam abantu bam amaSirayeli.Kaloku bawasarhaze aziimbacu ezizweni,bawahlula-hlula umhlaba wam.

3. Benze *amaqashiso ngabantu bam;ngenxa yamahenyukazi bathengisa ngamakhwenkwe,ngenxa yewayini bathengisa ngamantombazana,khon' ukuze babe nento yokusela.

4. “Kambe ke niya kundenza ntoni na, nina Tire neSidon nemimandla yaseFilistiya? Ngaba nizama ukuphindisa ngenxa yesenzo sam? Xa kunjalo ke mna ndokhawuleza ndinibuyekeze kwangoko.

5. Kaloku nayithimba isiliva negolide yam, nabuthatha nobona buncwane bobutyebi bam, nabuthimba nabusa ezindlwini zoothixo benu.

funda isahluko epheleleyo Ujoweli 3