7. Kambe ke ekuseni ngengomso uThixo wawuthumela ngombungu loo mthi, wawugrenya watsho wabuna.
8. Lithe ke lakuphuma ilanga uThixo wathumela umoya wasempuma onolophu, laza lanqanqaza ilanga phezu kwentloko kaJona. Kwanzima kuye; phantse wayoba. Watsho wanqwenela ukufa, wathi: “Kungcono ukuba ndife kunokuba ndidle ubomi.”
9. Ke kaloku uThixo wathi kuye: “Unaso na isizathu sokuba uqumbe ngenxa yalo mthi?”UJona wathi: “Ndifanele ukuvutha ngumsindo, nditsho onokude undise ekufeni!”