1. Elapho embilinini waloo ntlanzi uJona wathandaza *kuNdikhoyo uThixo wakhe,
2. wathi:“Ekubandezelekeni kwam ndakhala kuNdikhoyo,waza ke yena wandiphendula.Ndakhala ndisemathunjini engcwaba,waza ke wena waliva ilizwi lam.
3. Wena wandiphosa enzonzobileni,phakath' enzulwini yolwandle,yaza ke imisinga yandigubungela,amaza akho alatyuza andisibekela.
4. Ndathatha ndibeka ndisithi:‘Ndigxothiwe phambi kwakho.’Noko ke ndobuya ndiyikhangele indlu yakho engcwele.