Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujona 2:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Elapho embilinini waloo ntlanzi uJona wathandaza *kuNdikhoyo uThixo wakhe,

2. wathi:“Ekubandezelekeni kwam ndakhala kuNdikhoyo,waza ke yena wandiphendula.Ndakhala ndisemathunjini engcwaba,waza ke wena waliva ilizwi lam.

3. Wena wandiphosa enzonzobileni,phakath' enzulwini yolwandle,yaza ke imisinga yandigubungela,amaza akho alatyuza andisibekela.

4. Ndathatha ndibeka ndisithi:‘Ndigxothiwe phambi kwakho.’Noko ke ndobuya ndiyikhangele indlu yakho engcwele.

funda isahluko epheleleyo Ujona 2