Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 9:8-24 Ibhayibhile (XHO96)

8. Lutolo oluhlabaniselayo ulwimi lwabo;luthetha inkohliso.Bayamqhatha ummelwane ngeentetho zabo,ukanti ezintliziyweni zabo bamcuphile.

9. Mandingabohlwayi ke ngenxa yale nto?Mandingaziphindezeli kubantu abanje?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

10. Mna ndiza kugixa,ndililele iintaba, ndizile,kuba amadlelo atshile,akusekho bani uhamba kuwo,akusanxakami nankomo.Iintaka zibalekile,neenyamakazi zimkile.

11. “IJerusalem ndiza kuyitsho ibe ngamabhodlonesikhundla soodyakalashe,ndizitshabalalise iidolophu zakwaJuda,kungahlali bani khona.”Utsho uNdikhoyo.

12. Sisiphi na isilumko esinokuyiqonda le nto? Ngubani oyixelelweyo nguNdikhoyo onokuyichazela abanye? Kungani ukuba lo mhlaba utshatyalaliswe, ube ngumqwebedu wentlango engenakuhanjwa bani?

13. UNdikhoyo uthi: “Bawutyeshele umyalelo wam endabanika wona, àbalithobela ilizwi lam ukuze bahambe ngalo,

14. koko basuka bona balandela iintliziyo zabo ezinenkani, balandela iindlela zooBhali abazifunda kooyise.”

15. Ke ngoko utsho uSomandla-onke uNdikhoyo onguThixo kaSirayeli ukuthi: “Aba bantu ndiza kubanika ukutya okunedliso, ndibaseze amanzi anetyhefu.

16. Ndiza kubathi saa phakathi kweentlanga abangazaziyo, ezingaziwayo nangooyise, ndibasukele ngekrele ndide ndibatshabalalise.”

17. Utsho *uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:“Qiqani!Memani abafazi bokuzila,nditsho awona amacikokazi,bahlabele iingoma zesililo.

18. Mabakhawulezise batsho ngesililo,side sintywizise iinyembezi,de amehlo ethu aphalale zizo.

19. Phulaphulani, isililo sivela eZiyon sisithi:‘Awu! Safa saphela!Hayi, ihlazo esikulo!Salishiya ilizwe lakowethu;izindlu zethu zidiliziwe.’ ”

20. Bafazindini, liveni ilizwi likaNdikhoyo.Wabekeleni iindlebe amazwi omlomo wakhe.Fundisani iintombi zenu isimbonono;fundisanani ingoma yesililo.

21. Ukufa kuthubeleze ngeefestilekwatsho phakathi ezindlwini ezinqatyisiweyo;kubanqunqele phantsi abantwana besadlal' esitalatweni,kwabachitha-chitha abafana ezimbuthweni.

22. Kanti ngaphezu koko uNdikhoyo uthi mandithi:“Izidumbu ziya kudunduluza emadlelweni okwamalongwe,njengengqolowa esikwe yashiywa ngumvuni ingenabani wakuyiqokelela.”

23. Uthi uNdikhoyo:“Isilumko masingaqhayisi ngobulumko baso;igorha malingaqhayisi ngobugorha balo;nesihandiba masingazidli ngobutyebi baso.

24. Ke lowo uqhayisayo makaqhayise ngokundazi nokundiqonda;kuba mna ndinguNdikhoyo owenza izibele emhlabeni,nokulungileyo, nobulungisa.Nazo ke izinto ezindikholisayo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 9