Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 9:23-26 Ibhayibhile (XHO96)

23. Uthi uNdikhoyo:“Isilumko masingaqhayisi ngobulumko baso;igorha malingaqhayisi ngobugorha balo;nesihandiba masingazidli ngobutyebi baso.

24. Ke lowo uqhayisayo makaqhayise ngokundazi nokundiqonda;kuba mna ndinguNdikhoyo owenza izibele emhlabeni,nokulungileyo, nobulungisa.Nazo ke izinto ezindikholisayo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

25. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, iyeza imihla endiya kubohlwaya ngayo kwanabo bolukileyo enyameni.

26. Ndiza kuwohlwaya amaJiputa, namaJuda, namaEdom, nama-Amon, namaMowabhi, kwanâbo bangabemi basentlango abanwele zichetyiweyo ezintlafunweni. Kaloku zonke ezi ntlanga enyanisweni azalukanga. Nkqu indlu kaSirayeli iyonke ayalukanga entliziyweni.”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 9