20. Bafazindini, liveni ilizwi likaNdikhoyo.Wabekeleni iindlebe amazwi omlomo wakhe.Fundisani iintombi zenu isimbonono;fundisanani ingoma yesililo.
21. Ukufa kuthubeleze ngeefestilekwatsho phakathi ezindlwini ezinqatyisiweyo;kubanqunqele phantsi abantwana besadlal' esitalatweni,kwabachitha-chitha abafana ezimbuthweni.
22. Kanti ngaphezu koko uNdikhoyo uthi mandithi:“Izidumbu ziya kudunduluza emadlelweni okwamalongwe,njengengqolowa esikwe yashiywa ngumvuni ingenabani wakuyiqokelela.”
23. Uthi uNdikhoyo:“Isilumko masingaqhayisi ngobulumko baso;igorha malingaqhayisi ngobugorha balo;nesihandiba masingazidli ngobutyebi baso.
24. Ke lowo uqhayisayo makaqhayise ngokundazi nokundiqonda;kuba mna ndinguNdikhoyo owenza izibele emhlabeni,nokulungileyo, nobulungisa.Nazo ke izinto ezindikholisayo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
25. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: “Niyabona, iyeza imihla endiya kubohlwaya ngayo kwanabo bolukileyo enyameni.