Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 8:6-22 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ndikhe ndabaz' iindlebe, kodwa akwabakho uthetha nto ifanelekileyo, akwabakho namnye uyidaneleyo inkohlakalo yakhe, akwabakho bani uzohlwayayo athi: ‘Bendiyenzela ntoni le nto?’ Ulowo nalowo uhamba ngayibonayo, axel' ihashe lityhudisela edabini.

7. Nditsho nengwamza le ibhabh' emafini iyalazi ixesha lokujika. Iinkonjane, amahlankomo, nkqu nendwe le, iyalazi ixesha lokufuduka, kodwa bona abantu bam abazani nezithethe zam.

8. “Ningatsho njani ukuthi: ‘Sihlakaniphile; siyawazi umthetho kaNdikhoyo;’ ukanti inyaniso yawo seyigqwethiwe ngababhali-mthetho!

9. Izilumko zenu zihlazekile, zibhidekile, kuba zibhaqiwe. Kaloku ilizwi lam zilibukule nje, zinabulumko buvela phi?

10. Ngoko ke abafazi babo ndiza kubanikela kwamanye amadoda, ngokunjalo nemihlaba yabo ndiyinikele kwabanye abantu. Kaloku xa bebonke aba bantu, kususela koyena uphantsi kuse kophezulu, basemva kwenzuzo. Abashumayeli nababingeleli bangamamenemene athanda inzuzo ngondlela-mnyama.

11. Amanxeba abantu bam baba bangawanyanga ngokuthi: ‘Ngxe, ngxe; akukho ngozi!’ Ukanti alixolanga.

12. Zizinto ezingenazo neentloni! Naxa zenze amanyundululu azibi nalo nonyungu olu. Ngoko ke baza kuwa nabawileyo, bakhubeke mhla ndibohlwayayo.” Utsho uNdikhoyo.

13. “Ndiya kubaqokelela abantu bam, ndixele umlimi ovunayo.” Nguwo lowo umlomo kaNdikhoyo. “Boba njengomdiliya ongenaziqhamo, nomthi ongenamakhiwane, oseluvuthuluke nkqu namagqabi la. Ewe, ndobanikezela kwabanye.”

14. “Sisahlalele ntoni?” Kubuza abantu. “Masihlangane siye kufela kwizixeko ezinqatyisiweyo kube kanye. Kaloku uNdikhoyo uThixo wethu selesigwebele ukufa ngokusinika amanzi anetyhefu, kuba simonile.

15. Besilindele inzolo, suka kwavela ububi; besijonge ukuphiliswa, nako kuvela unxunguphalo.

16. Amahashe eentshaba avakala ebetha ithatha phaya kwaDan. Iinkunzi zamahashe abo zikhonya kushukume umhlaba. Bayeza beze kuwutshabalalisa lo mhlaba nento yonke ekuwo, nditsho isixeko ngasinye sinabemi baso.”

17. “Ndiza kunithumela iinyoka ezinobuhlungu, amarhamba angenakwenziwa mbuna, anilume.”

18. Umva-ndedwa undongamele;ibuhlungu intliziyo yam.

19. Phulaphula! Ndiva isikhalo samawethusihlokoma kwelikude, sisithi:“Ngaba uNdikhoyo sele wemka na eZiyon?Ngaba usekho na apho uKumkani waseZiyon?”Uthi *uNdikoyo:“Nina, nindiqumbiseleni ngokunqula izithixo,niqubude kwizinto ezingento zasemzini?”

20. Abantu bona bathi:“Sekugqityiwe ukuvunwa,nehlobo sele lidlule,kodwa ke thina asikasindiswa.”

21. Ngenxa yamanxeba amawethu nam ndiziva ndiyingxwelerha.Ndizilile, ndimatshekile.

22. Ngaba akusekho yeza na eGiliyadi?Akusekho gqirha na khona?Ngani banganyangwa nje abantu bakowethu?

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 8