Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 7:8-23 Ibhayibhile (XHO96)

8. “Kodwa naku nina nikholose ngamazwi alambathayo.

9. Ningamasela, izigwinta, abakrexezi, abafunga bexoka; ninqula uBhali kunye noothixo basemzini.

10. Kanti noko niza apha kule ndlu ibizwa ngegama lam, nifike nithi: ‘Sisindile!’ Nisinde ukuze nenze la manyundululu?

11. Ngaba le ndlu ibizwa ngegama lam ingumqolomba wezihange na? Ndinijongile!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

12. “Khanenjenjeya, niye eShilo apho lalinqulwa khona igama lam mandulo. Niya kuyibona into endayenza yona loo Shilo ngenxa yobugwenxa babantu bam amaSirayeli.

13. Ngoko ke, ngenxa yezi zenzo zenu zonke, utsho uNdikhoyo, ndithethile nani amaxesha ngamaxesha, anaphulaphula, ndanibiza anasabela,

14. ngako oko le ndlu ibizwa ngegama lam enithembele kuyo ndiza kuyihlisela isehlo esehla eShilo, naxa ndandiyinike nina nooyihlo-mkhulu.

15. Ndiza kunigxotha phambi kwam njengoko ndawagxothayo amawenu amaEfrayim.”

16. “Wena ke uze ungabathandazeli aba bantu, ungabathetheleli, ungabacengeli kum, ungabangxengxezeli kum konke, kuba andisobe ndikuphulaphule.

17. Akuziboni ke wena izinto abazenza kwiidolophu zakwaJuda nakwizitalato zeJerusalem?

18. Abantwana bayatheza, ooyise baphembe, abafazi bona baxove intlama yokwenzela ukumkanikazi wesibhakabhaka amaqebengwana. Bongezelele ukundidela ngokunikela ngeminikelo ethululwayo *koothixo basemzini. Ngayo yonke loo nto bayandixhokonxa.

19. Ngaba ndim ngenene lowo bamphoxayo? Abaziphoxi bona ziqu? Bazenzakalisile!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

20. Itsho ke ngoko iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “Ndiza kuwuthululela kule ndawo umsindo wam nengqumbo yam, phezu kwabantu nemfuyo, imithi yasendle nemveliso yomhlaba. Uza kuba ngumlilo ongacimiyo umsindo wam.”

21. Utsho uNdikhoyo onamandla onke onguThixo kaSirayeli ukuthi: “Qhubani, nongeze amanye amadini kula atshiswayo, nitye inyama.

22. Kaloku mhla ndabakhuphayo eJiputa ookhokho benu into endayithethayo kubo ayibanga yimimiselo ngokwenza amadini kunye namadini atshiswayo.

23. Hayi, ndabayalela ndisithi: ‘Liphulaphuleni ilizwi lam, khon' ukuze ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam. Ewe, hambani ngendlela yonke endinimisele yona, nize nilungelwe.’

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 7