Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 7:26-34 Ibhayibhile (XHO96)

26. Kambe aba bantu abandiphula-phulanga, abandihoya nokundihoya; suka baqaqadeka, benza ububi nangaphezu kooyise-mkhulu.

27. “Ungawathetha kwaba bantu onke la mazwi, kodwa abasoze bakuve; ungababiza, kodwa abasoze basabele.

28. Uze uthi ke kubo: ‘Olu luhlanga olungaliphulaphuliyo ilizwi likaNdikhoyo uThixo walo.’ Abaqeqesheki. Ukuthembeka akukho kubo – akusakhankanywa phakathi kwabo.

29. “Cheba intloko yakho, Jerusalem,ubonakalise ukuzila.Yenza isimbonono eluqayini,kuba uNdikhoyo usicekisile wasilahla esi sizukulwana simbange ingqumbo.”

30. “Abantu bakwaJuda benze into embi.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Bamise izithixo zabo ezinezothe endlwini yam, bayixabhela.

31. Benze isibingelelo ekuthiwa yiTofeti kulaa ntili kaBhen-hinom, khon' ukuze apho benze amadini ngoonyana neentombi zabo, babatshise. Andizange ndibayalele njalo; andizange ndikucinge nokukucinga oku.

32. Kodwa liyeza ixesha xa ingayi kuba sabizwa ngokuba yiTofeti okanye intili kaBhen-hinom, koko ibizwe ngokuba yiNtili yeNtshabalalo, kuba kongcwatywa kude kuphele umhlaba,

33. izidumbu zolu hlanga zibe kukutya kweentaka namarhamncwa, angagxothwa bani.

34. Ndiya kuyiphelisa ezixekweni zakwaJuda nasezitalatweni zaseJerusalem intsholo yolonwabo kwanemigcobo yomyeni nomtshakazi. Elo lizwe lonke loba yinkangala.”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 7