Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 7:20-28 Ibhayibhile (XHO96)

20. Itsho ke ngoko iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “Ndiza kuwuthululela kule ndawo umsindo wam nengqumbo yam, phezu kwabantu nemfuyo, imithi yasendle nemveliso yomhlaba. Uza kuba ngumlilo ongacimiyo umsindo wam.”

21. Utsho uNdikhoyo onamandla onke onguThixo kaSirayeli ukuthi: “Qhubani, nongeze amanye amadini kula atshiswayo, nitye inyama.

22. Kaloku mhla ndabakhuphayo eJiputa ookhokho benu into endayithethayo kubo ayibanga yimimiselo ngokwenza amadini kunye namadini atshiswayo.

23. Hayi, ndabayalela ndisithi: ‘Liphulaphuleni ilizwi lam, khon' ukuze ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam. Ewe, hambani ngendlela yonke endinimisele yona, nize nilungelwe.’

24. Ke bona abandiphulaphulanga; abandihoyanga kwaphela. Basuka baba nenkani, benza amaqhinga beqhutywa yinkohlakalo yeentliziyo zabo, babuya umva endaweni yokuqhubela phambili.

25. Kodwa ukususela mhla baphuma eJiputa, kude kube ngoku, ndisoloko ndithuma izicaka zam abashumayeli kuni imihla ngemihla.

26. Kambe aba bantu abandiphula-phulanga, abandihoya nokundihoya; suka baqaqadeka, benza ububi nangaphezu kooyise-mkhulu.

27. “Ungawathetha kwaba bantu onke la mazwi, kodwa abasoze bakuve; ungababiza, kodwa abasoze basabele.

28. Uze uthi ke kubo: ‘Olu luhlanga olungaliphulaphuliyo ilizwi likaNdikhoyo uThixo walo.’ Abaqeqesheki. Ukuthembeka akukho kubo – akusakhankanywa phakathi kwabo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 7