Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 7:14-30 Ibhayibhile (XHO96)

14. ngako oko le ndlu ibizwa ngegama lam enithembele kuyo ndiza kuyihlisela isehlo esehla eShilo, naxa ndandiyinike nina nooyihlo-mkhulu.

15. Ndiza kunigxotha phambi kwam njengoko ndawagxothayo amawenu amaEfrayim.”

16. “Wena ke uze ungabathandazeli aba bantu, ungabathetheleli, ungabacengeli kum, ungabangxengxezeli kum konke, kuba andisobe ndikuphulaphule.

17. Akuziboni ke wena izinto abazenza kwiidolophu zakwaJuda nakwizitalato zeJerusalem?

18. Abantwana bayatheza, ooyise baphembe, abafazi bona baxove intlama yokwenzela ukumkanikazi wesibhakabhaka amaqebengwana. Bongezelele ukundidela ngokunikela ngeminikelo ethululwayo *koothixo basemzini. Ngayo yonke loo nto bayandixhokonxa.

19. Ngaba ndim ngenene lowo bamphoxayo? Abaziphoxi bona ziqu? Bazenzakalisile!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

20. Itsho ke ngoko iNkosi *uNdikhoyo ukuthi: “Ndiza kuwuthululela kule ndawo umsindo wam nengqumbo yam, phezu kwabantu nemfuyo, imithi yasendle nemveliso yomhlaba. Uza kuba ngumlilo ongacimiyo umsindo wam.”

21. Utsho uNdikhoyo onamandla onke onguThixo kaSirayeli ukuthi: “Qhubani, nongeze amanye amadini kula atshiswayo, nitye inyama.

22. Kaloku mhla ndabakhuphayo eJiputa ookhokho benu into endayithethayo kubo ayibanga yimimiselo ngokwenza amadini kunye namadini atshiswayo.

23. Hayi, ndabayalela ndisithi: ‘Liphulaphuleni ilizwi lam, khon' ukuze ndibe nguThixo wenu, nina nibe ngabantu bam. Ewe, hambani ngendlela yonke endinimisele yona, nize nilungelwe.’

24. Ke bona abandiphulaphulanga; abandihoyanga kwaphela. Basuka baba nenkani, benza amaqhinga beqhutywa yinkohlakalo yeentliziyo zabo, babuya umva endaweni yokuqhubela phambili.

25. Kodwa ukususela mhla baphuma eJiputa, kude kube ngoku, ndisoloko ndithuma izicaka zam abashumayeli kuni imihla ngemihla.

26. Kambe aba bantu abandiphula-phulanga, abandihoya nokundihoya; suka baqaqadeka, benza ububi nangaphezu kooyise-mkhulu.

27. “Ungawathetha kwaba bantu onke la mazwi, kodwa abasoze bakuve; ungababiza, kodwa abasoze basabele.

28. Uze uthi ke kubo: ‘Olu luhlanga olungaliphulaphuliyo ilizwi likaNdikhoyo uThixo walo.’ Abaqeqesheki. Ukuthembeka akukho kubo – akusakhankanywa phakathi kwabo.

29. “Cheba intloko yakho, Jerusalem,ubonakalise ukuzila.Yenza isimbonono eluqayini,kuba uNdikhoyo usicekisile wasilahla esi sizukulwana simbange ingqumbo.”

30. “Abantu bakwaJuda benze into embi.” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo. “Bamise izithixo zabo ezinezothe endlwini yam, bayixabhela.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 7