Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 7:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwafika ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya lisithi:

2. “Yiya emasangweni endlu kaNdikhoyo, ufike udanduluke uthi: Nali ilizwi likaNdikhoyo; liveni nina bantu bakwaJuda abangena ngala masango ukuza kunqula uNdikhoyo.

3. Utsho uNdikhoyo onamandla onke, onguThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Yilungiseni ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, khon' ukuze ndinizinzise nime kule ndawo.

4. Musani ukulahlekiswa ngamazwi obuxoki athi: “Yindlu kaNdikhoyo le; yindlu kaNdikhoyo le; ewe, yindlu kaNdikhoyo le, soze kwenzeke nto kuyo!” ’

5. “Kodwa ukuba niyayilungisa ngenene ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, naza nenza ubulungisa omnye komnye,

6. ningabacinezeli abangeneleli, okanye iinkedama nabahlolokazi, ningaphalazi igazi elimsulwa apha, ningazenzakalisi ngokunqula izithixo,

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 7