Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 7:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwafika ilizwi *likaNdikhoyo kuJeremiya lisithi:

2. “Yiya emasangweni endlu kaNdikhoyo, ufike udanduluke uthi: Nali ilizwi likaNdikhoyo; liveni nina bantu bakwaJuda abangena ngala masango ukuza kunqula uNdikhoyo.

3. Utsho uNdikhoyo onamandla onke, onguThixo kaSirayeli, ukuthi: ‘Yilungiseni ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, khon' ukuze ndinizinzise nime kule ndawo.

4. Musani ukulahlekiswa ngamazwi obuxoki athi: “Yindlu kaNdikhoyo le; yindlu kaNdikhoyo le; ewe, yindlu kaNdikhoyo le, soze kwenzeke nto kuyo!” ’

5. “Kodwa ukuba niyayilungisa ngenene ihambo yenu, ngokunjalo nezenzo zenu, naza nenza ubulungisa omnye komnye,

6. ningabacinezeli abangeneleli, okanye iinkedama nabahlolokazi, ningaphalazi igazi elimsulwa apha, ningazenzakalisi ngokunqula izithixo,

7. mna ndonizinzisa kule ndawo ingumhlaba endawabela ooyihlo ukuba bawume ngonaphakade.

8. “Kodwa naku nina nikholose ngamazwi alambathayo.

9. Ningamasela, izigwinta, abakrexezi, abafunga bexoka; ninqula uBhali kunye noothixo basemzini.

10. Kanti noko niza apha kule ndlu ibizwa ngegama lam, nifike nithi: ‘Sisindile!’ Nisinde ukuze nenze la manyundululu?

11. Ngaba le ndlu ibizwa ngegama lam ingumqolomba wezihange na? Ndinijongile!” Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

12. “Khanenjenjeya, niye eShilo apho lalinqulwa khona igama lam mandulo. Niya kuyibona into endayenza yona loo Shilo ngenxa yobugwenxa babantu bam amaSirayeli.

13. Ngoko ke, ngenxa yezi zenzo zenu zonke, utsho uNdikhoyo, ndithethile nani amaxesha ngamaxesha, anaphulaphula, ndanibiza anasabela,

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 7