Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 6:10-16 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ndibhekise kubani?Ngubani owondiphulaphula,abamkele ubungqina bam?NingamaSirayeli alukileyo,ukanti iindlebe zenu zivalekile,aniva tu!Kubo ilizwi likaNdikhoyo lisisinyeliso;abalikhathalele nganto.

11. Ndiyaphuphuma yingqumbo kaNdikhoyo ngenxa yabo.Kudala ndizibambile, ngoku ndidiniwe.“Yibhodlele kubantwana ezitalatweni,nakubafana ezimbuthweni.Kochatshazelwa bonke: amadoda nabafazi.Ewe, kochatshazelwa nabagugileyo, nditsho iinkothovu zamaxhego.

12. Imizi yabo yothathwa bantu bambi,ngokunjalo amasimi nabafazi babo,xa ndibohlwaya abantu beli lizwe.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

13. “Kususela koyena uphantsi umntu,kuse kwabona baphakamileyo,xa bebonke basemva kwenzuzo.Kwanabashumayeli, nababingeleli ngabakhohlisi xa bebonke.

14. Amanxeba abantu bam banga bayawanyangangokuthi: ‘Ngxe, ngxe, akukho ngozi!’Ukanti alixolanga.

15. Zizinto ezingenazintloni naxa zenze amanyundululu;azibi nalo nonyungu olu!Ngoko ke baza kuwa nabawileyo;bokhubeka mhla ndabavelela.”Utsho uNdikhoyo.

16. Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Yimani eziphambukeni nikhangele,nibuzise ngomendo wamandulo,niqonde ukuba yiyiphi na indlela eyiyona-yona,nihambe ngayo ke,ukuze nifumane inzolo emphefumlweni.Ke nina nathi: ‘Asiyi kuhamba ngayo!’

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 6