Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 52:7-15 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ke kaloku amaKaledi alugqobhoza udonga lwesixeko, waza umkhosi wonke waseJerusalem wasaba ngobusuku, wemka ngendlela edlula ngasemyezweni kakumkani, waphuma ngesango eliphahlwe ziindonga, wabalekela entilini yeJordan. Ngelo xesha amaKaledi ayesasingqingile isixeko.

8. Kambe ke umkhosi wamaKaledi wasukelisa, waza wamfumana uZedekiya nomkhosi wakhe wonke xa wayesesentilini yaseJeriko. Wahlukaniswa nomkhosi lowo, wona wasarhaka,

9. waza yena wabanjwa. Wathathwa wasiwa kukumkani waseBhabheli eRibhela ezweni laseHamati, owathi yena walithetha ityala lakhe wamgweba.

10. Apho eRibhela ukumkani waseBhabheli wababulala oonyana bakaZedekiya ekhangele, wazibulala nazo zonke iziphathamandla zakwaJuda.

11. Yena uZedekiya wamtyhaphaza amehlo, waza wamkhonkxa ngamatyathanga obhedu, ukuze asiwe eBhabheli, wamfaka entolongweni kwada kwayimini yokufa kwakhe.

12. Ke kaloku kwathi, ngomhla weshumi wenyanga yesihlanu kunyaka weshumi elinethoba kakumkani waseBhabheli uNebhukadenezare, ingqwayi-ngqwayi yabalindi uNebhuzaradan, eyayiliphakathi likakumkani waseBhabheli, yagaleleka eJerusalem.

13. Indlu *kaNdikhoyo wayintumeka umlilo, yatsha kunye nebhotwe ngokwalo, nazo zonke izindlu zaseJerusalem. Zonke izakhiwo ezibalulekileyo wazitshisa.

14. Wonke loo mkhosi waseBhabheli phantsi kwaloo ngqwayi-ngqwayi yabalindi basebhotwe wazidiliza zonke iindonga ezazijikeleze iJerusalem.

15. UNebhuzaradan lowo wababamba wabathimba abathile kubantu abangamahlwempu nabantu ababengamasalela apho esixekweni, ndawonye namagcisa kwakunye nâbo babesebezinikezele kumaBhabheli.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 52