Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 52:26-32 Ibhayibhile (XHO96)

26. Bonke ke uNebhuzaradan wabathatha waya nabo kukumkani waseBhabheli eRibhela.

27. Khona apho eRibhela kwelaseHamati ukumkani lowo wathi mababulawe.Ngaloo ndlela ke amaJuda afuduselwa ekuthinjweni, ahlukana nelizwe lakowawo.

28. Nali ke inani labantu wabafudusayo uNebhukadenezare:Kunyaka wesixhenxe: amaJuda angamawaka amathathu anamashumi amabini anantathu;

29. kunyaka weshumi elinesibhozo elawula uNebhukadenezare: abantu abangamakhulu asibhozo anamashumi amathathu anambini ababephuma eJerusalem;

30. kunyaka wakhe wamashumi amabini anantathu: amaJuda angamakhulu asixhenxe anamashumi amane anantlanu athinjwe nguNebhuzaradan ingqwayi-ngqwayi yabalindi bakomkhulu.Yayingabantu abangamawaka amane anamakhulu amathandathu bebonke.

31. Ke kaloku kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe wathinjwayo uJoyakin ukumkani wakwaJuda, nyaka lowo waqala ngawo ukulawula uEvili-merodaki ukumkani waseBhabheli, wasuka wamkhulula uJoyakin entolongweni. Loo nto ke yenzeka ngomhla wamashumi mabini anesihlanu kwinyanga yeshumi elinambini.

32. Wathetha naye ngobulali, wamnika isihlalo sembeko esingaphezu kwezo zabanye ookumkani awayenabo apho eBhabheli.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 52