Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 52:21-34 Ibhayibhile (XHO96)

21. Intsika nganye kwezo zimbini zobhedu yayiziimitha ezisibhozo ukuphakama, iziimitha ezintlanu ezinesiqingatha ukuyithandela. Yayakhiwe ngobhedu oluyiminwe emine ububanzi, iliholoholo.

22. Intloko nganye elubhedu ibiziimitha ezimbini ezinesithathu ukuphakama. Yayihonjiswe jikelele ngomnatha wobhedu nangeerharnati zobhedu. Ewe, zombini zazifana, nditsho kwaneerharnati ezo.

23. Bekukho iirharnati ezingamashumi alithoba anesithandathu emacaleni. Ke lona inani leerharnati eziphezu komnatha othandelweyo bezilikhulu zizonke.

24. Loo ngqwayi-ngqwayi yabalindi yamthimba umbingeleli omkhulu uSeraya, kunye nombingeleli onganeno kwakhe uZefaniya, nabagcini-mnyango abathathu.

25. Kwabaseleyo apho esixekweni yathatha injengele yomkhosi kunye nesixhenxe samaphakathi akomkhulu abhaqwe esixekweni. Yamthatha nonobhala wenjengele yomkhosi owayeligosa eliyintloko elalatha abomkhosi, kunye nabantu abangamashumi amathandathu ababeselapho esixekweni.

26. Bonke ke uNebhuzaradan wabathatha waya nabo kukumkani waseBhabheli eRibhela.

27. Khona apho eRibhela kwelaseHamati ukumkani lowo wathi mababulawe.Ngaloo ndlela ke amaJuda afuduselwa ekuthinjweni, ahlukana nelizwe lakowawo.

28. Nali ke inani labantu wabafudusayo uNebhukadenezare:Kunyaka wesixhenxe: amaJuda angamawaka amathathu anamashumi amabini anantathu;

29. kunyaka weshumi elinesibhozo elawula uNebhukadenezare: abantu abangamakhulu asibhozo anamashumi amathathu anambini ababephuma eJerusalem;

30. kunyaka wakhe wamashumi amabini anantathu: amaJuda angamakhulu asixhenxe anamashumi amane anantlanu athinjwe nguNebhuzaradan ingqwayi-ngqwayi yabalindi bakomkhulu.Yayingabantu abangamawaka amane anamakhulu amathandathu bebonke.

31. Ke kaloku kwathi ngonyaka wamashumi amathathu anesixhenxe wathinjwayo uJoyakin ukumkani wakwaJuda, nyaka lowo waqala ngawo ukulawula uEvili-merodaki ukumkani waseBhabheli, wasuka wamkhulula uJoyakin entolongweni. Loo nto ke yenzeka ngomhla wamashumi mabini anesihlanu kwinyanga yeshumi elinambini.

32. Wathetha naye ngobulali, wamnika isihlalo sembeko esingaphezu kwezo zabanye ookumkani awayenabo apho eBhabheli.

33. Ngoko ke uJoyakin wazikhulula iimpahla zasentolongweni, waza wasoloko esesithebeni sokumkani lonke ithuba lobomi bakhe.

34. Ukumkani lowo ke wathi rhoqo ukumnika umxhesho uJoyakin, loo nto eyenza imihla ngemihla ngabo bonke ubomi bukaJoyakin.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 52