Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 52:18-25 Ibhayibhile (XHO96)

18. Azithatha neembiza, iifotsholo, izikhwezeli-zibane, nezitya zokufefa, namacephe, nazo zonke izinto ezenziwe ngobhedu ezazisetyenziswa apho endlwini kaThixo.

19. Ewe, ingqwayi-ngqwayi leyo yazithatha iingcedevu, neepani zesiqhumiso, nezitya zokufefa, neembiza, neziphatho zezibane, namacephe, namathunga asetyenziswa kwiminikelo ethululwayo, kwakunye nayo yonke into eyayenziwe ngegolide engcwengekileyo okanye isiliva engcwengekileyo.

20. Ubhedu olwafumaneka kwezo ntsika zimbini, kwelo chibi, kuloo mifanekiso ilishumi elinambini leenkunzi zeenkomo elalimi phezu kwazo, nakwezo nqwelo – zinto ezo ezazenzelwe indlu kaNdikhoyo nguSolomon – lwalungenamlinganiso ngenxa yobuninzi.

21. Intsika nganye kwezo zimbini zobhedu yayiziimitha ezisibhozo ukuphakama, iziimitha ezintlanu ezinesiqingatha ukuyithandela. Yayakhiwe ngobhedu oluyiminwe emine ububanzi, iliholoholo.

22. Intloko nganye elubhedu ibiziimitha ezimbini ezinesithathu ukuphakama. Yayihonjiswe jikelele ngomnatha wobhedu nangeerharnati zobhedu. Ewe, zombini zazifana, nditsho kwaneerharnati ezo.

23. Bekukho iirharnati ezingamashumi alithoba anesithandathu emacaleni. Ke lona inani leerharnati eziphezu komnatha othandelweyo bezilikhulu zizonke.

24. Loo ngqwayi-ngqwayi yabalindi yamthimba umbingeleli omkhulu uSeraya, kunye nombingeleli onganeno kwakhe uZefaniya, nabagcini-mnyango abathathu.

25. Kwabaseleyo apho esixekweni yathatha injengele yomkhosi kunye nesixhenxe samaphakathi akomkhulu abhaqwe esixekweni. Yamthatha nonobhala wenjengele yomkhosi owayeligosa eliyintloko elalatha abomkhosi, kunye nabantu abangamashumi amathandathu ababeselapho esixekweni.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 52