Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 52:10-19 Ibhayibhile (XHO96)

10. Apho eRibhela ukumkani waseBhabheli wababulala oonyana bakaZedekiya ekhangele, wazibulala nazo zonke iziphathamandla zakwaJuda.

11. Yena uZedekiya wamtyhaphaza amehlo, waza wamkhonkxa ngamatyathanga obhedu, ukuze asiwe eBhabheli, wamfaka entolongweni kwada kwayimini yokufa kwakhe.

12. Ke kaloku kwathi, ngomhla weshumi wenyanga yesihlanu kunyaka weshumi elinethoba kakumkani waseBhabheli uNebhukadenezare, ingqwayi-ngqwayi yabalindi uNebhuzaradan, eyayiliphakathi likakumkani waseBhabheli, yagaleleka eJerusalem.

13. Indlu *kaNdikhoyo wayintumeka umlilo, yatsha kunye nebhotwe ngokwalo, nazo zonke izindlu zaseJerusalem. Zonke izakhiwo ezibalulekileyo wazitshisa.

14. Wonke loo mkhosi waseBhabheli phantsi kwaloo ngqwayi-ngqwayi yabalindi basebhotwe wazidiliza zonke iindonga ezazijikeleze iJerusalem.

15. UNebhuzaradan lowo wababamba wabathimba abathile kubantu abangamahlwempu nabantu ababengamasalela apho esixekweni, ndawonye namagcisa kwakunye nâbo babesebezinikezele kumaBhabheli.

16. Kambe ke ingqwayi-ngqwayi leyo yabashiya abanye abantu abangamahlwempu, ukuze basebenze amasimi nezidiliya.

17. AmaBhabheli azaphula iintsika zobhedu, kwakunye neenqwelana, nechibi lobhedu, zinto ezo zazisendlwini kaNdikhoyo, aza aluthatha lona ubhedu olo, aya nalo eBhabheli.

18. Azithatha neembiza, iifotsholo, izikhwezeli-zibane, nezitya zokufefa, namacephe, nazo zonke izinto ezenziwe ngobhedu ezazisetyenziswa apho endlwini kaThixo.

19. Ewe, ingqwayi-ngqwayi leyo yazithatha iingcedevu, neepani zesiqhumiso, nezitya zokufefa, neembiza, neziphatho zezibane, namacephe, namathunga asetyenziswa kwiminikelo ethululwayo, kwakunye nayo yonke into eyayenziwe ngegolide engcwengekileyo okanye isiliva engcwengekileyo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 52