Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 52:1-18 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ukuqala kwakhe ukulawula uZedekiya wayeneminyaka emashumi mabini ananye, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Unina yayinguHamutali intombi kaJeremiya waseLibhena.

2. KwanjengoJoyakim naye wenza ububi emehlweni *kaNdikhoyo.

3. Kungenxa yengqumbo kaNdikhoyo ukuba uJuda neJerusalem bahlelwe yile ntlekele, bade ekugqibeleni ke bagxothwa phambi kwakhe.UZedekiya ke wavukelana nokumkani waseBhabheli.

4. Ngoko ke kwathi kunyaka wethoba wolawulo lukaZedekiya, ngomhla weshumi wenyanga yeshumi, ukumkani waseBhabheli uNebhukadenezare wagaleleka eJerusalem nomkhosi wakhe uphela. Bamisa ngaphandle kwesixeko, basakhela iindonga zokuhlasela.

5. Sahlala singqingiwe njalo ke isixeko eso yada yangunyaka weshumi elinanye kakumkani uZedekiya.

6. Kwathi ngomhla wethoba kwinyanga yesine yabe indlala iqatsele apho esixekweni, kangangokuba abantu baphelelwa kukutya.

7. Ke kaloku amaKaledi alugqobhoza udonga lwesixeko, waza umkhosi wonke waseJerusalem wasaba ngobusuku, wemka ngendlela edlula ngasemyezweni kakumkani, waphuma ngesango eliphahlwe ziindonga, wabalekela entilini yeJordan. Ngelo xesha amaKaledi ayesasingqingile isixeko.

8. Kambe ke umkhosi wamaKaledi wasukelisa, waza wamfumana uZedekiya nomkhosi wakhe wonke xa wayesesentilini yaseJeriko. Wahlukaniswa nomkhosi lowo, wona wasarhaka,

9. waza yena wabanjwa. Wathathwa wasiwa kukumkani waseBhabheli eRibhela ezweni laseHamati, owathi yena walithetha ityala lakhe wamgweba.

10. Apho eRibhela ukumkani waseBhabheli wababulala oonyana bakaZedekiya ekhangele, wazibulala nazo zonke iziphathamandla zakwaJuda.

11. Yena uZedekiya wamtyhaphaza amehlo, waza wamkhonkxa ngamatyathanga obhedu, ukuze asiwe eBhabheli, wamfaka entolongweni kwada kwayimini yokufa kwakhe.

12. Ke kaloku kwathi, ngomhla weshumi wenyanga yesihlanu kunyaka weshumi elinethoba kakumkani waseBhabheli uNebhukadenezare, ingqwayi-ngqwayi yabalindi uNebhuzaradan, eyayiliphakathi likakumkani waseBhabheli, yagaleleka eJerusalem.

13. Indlu *kaNdikhoyo wayintumeka umlilo, yatsha kunye nebhotwe ngokwalo, nazo zonke izindlu zaseJerusalem. Zonke izakhiwo ezibalulekileyo wazitshisa.

14. Wonke loo mkhosi waseBhabheli phantsi kwaloo ngqwayi-ngqwayi yabalindi basebhotwe wazidiliza zonke iindonga ezazijikeleze iJerusalem.

15. UNebhuzaradan lowo wababamba wabathimba abathile kubantu abangamahlwempu nabantu ababengamasalela apho esixekweni, ndawonye namagcisa kwakunye nâbo babesebezinikezele kumaBhabheli.

16. Kambe ke ingqwayi-ngqwayi leyo yabashiya abanye abantu abangamahlwempu, ukuze basebenze amasimi nezidiliya.

17. AmaBhabheli azaphula iintsika zobhedu, kwakunye neenqwelana, nechibi lobhedu, zinto ezo zazisendlwini kaNdikhoyo, aza aluthatha lona ubhedu olo, aya nalo eBhabheli.

18. Azithatha neembiza, iifotsholo, izikhwezeli-zibane, nezitya zokufefa, namacephe, nazo zonke izinto ezenziwe ngobhedu ezazisetyenziswa apho endlwini kaThixo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 52