Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 51:33-44 Ibhayibhile (XHO96)

33. Utsho uNdikhoyo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, ukuthi:“Intombi eyiBhabheli injengebala lokubhulelangexesha lokugangathwa kwalo;ngexesha elingephi wofika umhla wokuba kuvunelwe kulo.”

34. “Usidlile uNebhukadenezare ukumkani waseBhabheli;usimfimfithe wasishiya sisisitya esize.Usiginye njengengwenya,izimuncu-muncu zethu wazenza ukutya kwakhe,waza wasenza into yokuxukuxa.

35. Ugonyamelo esiluve emizimbeni yethumalubuyekezwe kwiBhabheli,”batsho abemi beZiyon.“Igazi lethu malibizwe kubemi belamaKaledi,”itsho iJerusalem.

36. Ke ngoko utsho uNdikhoyo ukuthi:“Uyabona, ndiya kukugwebela, ndikuphindezele.Ndiya kulwenza lutshe ulwandle lweBhabheli,utsho wome umthombo wayo.

37. IBhabheli iya kuba linxuwa,ibe sisikhundla soodyakalashe,nento esisothuso nesigculelo,indawo engamiwa bani.

38. Abantu bayo xa bebonke bagquma njengeengonyama,babharhula njengamathole eengonyamakazi.

39. Xa bavuka umnyele ndobenzela umgidi,ndibanxilise, badlamke,balale ubuthongo,bangavuki ngonaphakade.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

40. “Ndiya kubasa ekuxhelweni njengamatakane,njengeenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.

41. “Hayi ukuthinjwa kweSheshaki!Ibhongo lehlabathi lonke libanjiwe.Hayi ukwenziwa isothuso kweBhabheli phakathi kweentlanga!

42. Ulwandle luya kuyigqumelela iBhabheli,igutyungelwe ngamaza agqumayo.

43. Iidolophu zayo ziya kukhal' ibhungane,ilizwe libe ngumqwebedu nenkqantosi,ilizwe elingamiwa mntu,ilizwe elingacandwa nangumhambi.

44. Ndiya kumohlwaya uBhele uthixo weBhabheli,ndimenze akuhlanze oko akuginyileyo.Iintlanga aziyi kuba saxhontelana kuye,nodonga lweBhabheli luya kuwa.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 51