Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 50:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nâli ilizwi *uNdikhoyo awalithethayo ngomshumayeli uJeremiya malunga neBhabheli nezwe lamaKaledi:

2. “Xelani nivakalise ezintlangeni,niphakamise ibhanile niqononondise.Musani ukufihlisa, koko yithini:‘Ithinjiwe iBhabheli;uhlazekile uBhele;uMarduki uyankwantya luloyiko.Zihlazekile izithixo zabo;ziyankwantya izinto ezingamasikizi abazinqulayo.’

3. Kaloku ihlaselwe luhlanga lwasentlaoluya kwenza ilizwe libe senkangala.Aliyi kumiwa bani –bobaleka bemke abantu kwanezilwanyane.

4. “Ngaloo mihla nangelo xesha,”lowo ngumlomo kaNdikhoyo,“abantu bakwaSirayeli nabantu bakwaJudabaya kuhamba kunye belila,befuna uNdikhoyo uThixo wabo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 50