1. La ngamazwi *omshumayeli uJeremiya awawabhekisa kuBharuki unyana kaNeriya ngonyaka wesine ukumkani uJoyakim unyana kaYosiya elawula kwaJuda, xa uJeremiya wayewabizela uBharuki amazwi akhe, yena ewabhala encwadini. Athi:
2. “Utsho *uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ngokubhekisele kuwe Bharuki, ukuthi:
3. Wena wakhala usithi: ‘Hayi umntu endinguye! UNdikhoyo usuke wongezelela isingqala kwintlungu yam. Ndiqobekile zizincwino; andifumani kuphumla.’
4. “Utsho ke uNdikhoyo kuwe, Bharuki, ukuthi: ‘Oko ndikwakhileyo ndobuya ndikudilize, ndibuye ndikuncothule noko ndikutyalileyo. Kuya kuba njalo ke emhlabeni wonke.
5. Wena uzifunela izinto ezinkulu; ziyeke, ungabi sazifuna, kuba mna ndiza kubahlisela ishwangusha bonke abantu.’ Lowo ngumlomo kaNdikhoyo, yena othi: ‘Nokuba kwenzeka ntoni apho uya khona, akuyi kulahlekelwa bubomi bakho.’ ”